Lectionary Calendar
Saturday, May 18th, 2024
Eve of Pentacost
Attention!
For 10¢ a day you can enjoy StudyLight.org ads
free while helping to build churches and support pastors in Uganda.
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

1 KuTimoti 2

1 Ndiyavuselela ngoko kuqala kwiinto zonke, ukuba kwenziwe izikhungo, imithandazo, izibongozo, imibulelo, ngenxa yabantu bonke;2 ngenxa yookumkani nabo bonke abasekongameni, ukuze sihlale ngokonwaba nangokuzola, sinokuhlonela uThixo, nokundileka konke.3 Kuba oku kuhle, kwamkelekile emehlweni oMsindisi wethu uThixo;4 onga yena bangasindiswa bonke abantu, bafikelele ekuyazini inyaniso.5 Kuba mnye uThixo; mnye nomlamli phakathi koThixo nabantu, umntu uKristu Yesu,6 lowo wazinikelayo ukuba abe yintlawulelo yokukhulula abantu bonke; ubungqina ke obo bokungqinwa ngamaxesha angawabo;7 endithe ndamiselwa bona mna, ukuba ndibe ngumshumayeli nompostile (ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki), umfundisi weentlanga elukholweni nasenyanisweni.8 Ngoko ndinga angathandaza amadoda kuzo zonke iindawo, ephakamisa izandla ezingcwele, engenangqumbo, engenantandabuzo.

9 Kwangokunjalo mabathi nabafazi banxibe iingubo ezifanelekileyo, beneentloni, benesidima, ingabi kukuphotha iinwele, nokunxitywa kwegolide neeperile, nesambatho esixabiso likhulu;10 mabathi (ngokufanele abafazi abathi bahlonela uThixo), bavathe imisebenzi elungileyo.11 Umfazi, ezolile, makafunde ethobele konke.12 Umfazi ke andimvumeli ukuba afundise, nokuba ayilawule indoda; makazole.13 Kuba kwabunjwa uAdam kuqala, kwandula ke ukubunjwa uEva.14 Kanjalo akulukuhlwanga Adam; kulukuhlwe umfazi, waba sekugqitheni.15 Noko ke wosindiswa ngokuzala, ukuba bathe bema elukholweni, naseluthandweni, nasebungcwaliseni, benesidima.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile