Lectionary Calendar
Friday, May 17th, 2024
the Seventh Week after Easter
Attention!
Take your personal ministry to the Next Level by helping StudyLight build churches and supporting pastors in Uganda.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

UHezekile 2

1 Wathi kum, Nyana womntu, yima ngeenyawo zakho, ndithethe nawe.2 Kwangena ke uMoya kum, xa abethetha nam, wandimisa ngeenyawo zam, ndamva othetha kum.3 Wathi kum, Nyana womntu, ndikuthuma koonyana bakaSirayeli, kwiintlanga ezingabagwiliki, abagwilikileyo kum; bona nooyise babo bakreqile kum, kwada kwayile mini.4 Oonyana baziingwanyalala ubuso, balukhuni intliziyo. Ndikuthuma kubo; uze uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova.5 Ke bona (nokuba bathe beva, nokuba bathe bala, kuba beyindlu eneenkani) baya kwazi ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo.

6 Wena ke, nyana womntu, musa ukuboyika, ungawoyiki amazwi abo; nangani usemarhawini nasemeveni, uhleli phezu koonomadudwane, musa ukuwoyika amazwi abo, ungaqhiphuki umbilini bubuso babo, kuba bayindlu eneenkani.7 Wathethe ke kubo amazwi am, nokuba bathe beva, nokuba bathe bala; ngokuba baneenkani.8 Wena ke, nyana womntu, yiva endikuthethayo kuwe; ungabi nankani, njengale ndlu ineenkani; yakhamisa, udle endikunikayo.9 Ndabona, naso isandla solulelwe kum; nantso kuso incwadi esongwayo.10 Wayitwabulula phambi kwam; yaye ke ibhaliwe ngaphakathi nangaphandle, kubhalwe kuyo izimbonono, nezikhwino, nezimema.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile