Lectionary Calendar
Friday, May 17th, 2024
the Seventh Week after Easter
Attention!
StudyLight.org has pledged to help build churches in Uganda. Help us with that pledge and support pastors in the heart of Africa.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

UHabhakuki 1

1 Isihlabo awasibonayo uHabhakuki umprofeti.2 Kunini na, Yehova, ndizibika, ungeva; ndikhala kuwe ndisithi, Ugonyamelo, ungasindisi?3 Yini na ukuba undikhangelise ubutshinga, ukondele okubi? Yimbuqo nogonyamelo phambi kwam; kukho ubambano, kuphakame ingxabano.4 Ngenxa yoko uyekelelwe umyalelo, ukuze kungaveli naphakade okusesikweni; kuba abangendawo bayawarhawula amalungisa; ngenxa yoko okusesikweni kuphuma kujikekile.

5 Khangelani phakathi kweentlanga, nondele, ningakhulumi nokukhuluma; ngokuba ndiya kusebenza umsebenzi ngemihla yenu, eningayi kukholwa nguwo, nokuba niyawubaliselwa.6 Kuba, yabonani, ndixhoxha amaKaledi, uhlanga olulugcalagcala, oluyintshakavula; oluhamba nobubanzi behlabathi, ukuze luhluthe amakhaya angewalo.7 Luyadengisa, luyoyikeka; kuphuma kwakulo okusesikweni kwalo, nokuphakama kwalo.8 Anamendu ngaphezu kwezingwe amahashe alo, aqubula ngaphezu kweengcuka zangokuhlwa. Bayaphalisa abamahashe balo; abamahashe balo beza bevela kude, bee tshwebelele njengexhalanga elikhawulezayo ukuza kudla.9 Bonke bephela beza ngokugonyamela; ubuso babo buzamela phambili; bahlanganisa abathinjwa njengentlabathi.10 Bona bacukuceza ookumkani, nezidwangube ziyintlekisa kubo; bona bayazihleka iinqaba zonke; bafumba uthuli, bazithi hlasi.11 Baya kwandula bakhukule ngokomoya, badlule, bazeke ityala; la mandla abe nguthixo wabo.

12 Wena akunguye na owasusela kwakumandulo, Yehova, Thixo wam, ungoyiNgcwele wam? Asiyi kufa. Yehova, ubamisele ukuba bagwebe; Liwa, ubaseke ukuba bohlwaye.13 Wena ungomehlo ahlambulukileyo, ukuba angayikhangeli into embi, ukuba ungabi nakukondela okubi; ubondele ngani na ke abanginizi, ukuba uthi cwaka njeongendawo emginya olilungisa kunaye?14 Ulwenze ke uluntu lwanjengeentlanzi zaselwandle, njengezinambuzane ezingenamlawuli.15 Bonke bephela babanyusa ngeqherhu labo; babaqweqwedisa ngomnatha wabo, babahlanganise ngomnathakazi wabo; ngenxa yoko bayavuya, bagcobe.16 Ngenxa yoko babingelela kumnatha wabo, baqhumisele kumnathakazi wabo; kuba sityebe ngezo zinto isahlulo sabo, nokudla kwabo kwaba ngamanqatha ngazo.17 Baya kuwukhuphela na ngenxa yoko umnatha wabo, bahlale bebulala iintlanga, bangacongi na?

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile