Lectionary Calendar
Thursday, May 16th, 2024
the Seventh Week after Easter
Attention!
For 10¢ a day you can enjoy StudyLight.org ads
free while helping to build churches and support pastors in Uganda.
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

UIsaya 56

1 Utsho uYehova ukuthi, Gcinani isiko, nenze ubulungisa; kuba lusondele ukuba luze usindiso lwam, nobulungisa bam ukuba butyhileke.2 Hayi, uyolo lomntu okwenzayo oku, nonyana womntu obambelela kuko oku; ogcina isabatha ukuba angayihlambeli; ogcina isandla sakhe ukuba singenzi nanye into embi.

3 Makangatsho ke unyana wolunye uhlanga, lo unamathele kuYehova, ukuthi, UYehova uya kundahlula kube kanye ebantwini bakhe; malingathi ithenwa, Yabona, ndingumthi owomileyo.4 Ngokuba utsho uYehova kumathenwa ukuthi, Abazigcinayo iisabatha zam, banyule endikuthandayo, babambelele emnqophisweni wam,5 ndobanika, endlwini yam nasezindongeni zam, indawo negama elilungileyo ngaphezu koonyana neentombi; ndobanika igama elingunaphakade elingayi kunqunyulwa.6 Ke oonyana bolunye uhlanga, abanamathele kuYehova, ukuze balungiselele kuye, balithande igama likaYehova, ukuba babe ngabakhonzi kuye, bonke abayigcinayo isabatha bangayihlambeli, ababambelela emnqophisweni wam:7 ndobazisa entabeni yam engcwele, ndibavuyise endlwini yam yokuthandaza; amadini abo anyukayo nemibingelelo yabo yokholiseka esibingelelweni sam; kuba indlu yam kuya kuthiwa yindlu yokuthandaza ezizweni zonke.8 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekubabutheni abagxothiweyo bakaSirayeli, ndisaya kubutha nabanye ngaphaya kwakhe, ngaphaya kwababuthiweyo bakhe.

9 Nonke marhamncwa asendle, yizani apha; yizani kudla, nonke marhamncwa asehlathini.10 Ababoniseli bakhe baziimfama, bonke bephela abanakwazi, bonke bephela bazizinja ezizizidenge, ezingenakukhonkotha; zibhuda, zilala, zithanda ubuthongo.11 Ewe, bazizinja ezithanda ukudla, ezingahluthiyo nokuhlutha; banjalo ke abalusi, abakwazi ukuqonda; bonke bephela babheke kwezabo iindlela, elowo kweyakhe inzuzo, kowakhe ummandla.12 Uthi, Yizani, ndiya kuthabatha iwayini, sisele kunene isiselo esinxilisayo; neyangomso imini ibe njengale, ibe nkulu, incamise kunene.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile