Lectionary Calendar
Friday, May 17th, 2024
the Seventh Week after Easter
Attention!
Take your personal ministry to the Next Level by helping StudyLight build churches and supporting pastors in Uganda.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

UYoshuwa 16

1 Laphuma iqashiso noonyana bakaYosefu, lathabathela eYordan malunga neYeriko ngasemanzini aseYeriko ngasempumalanga, kwintlango enyuka eYeriko, eya ezintabeni ngaseBheteli.2 Waphuma umda eBheteli, wasinga eLuzi, wegqitha waya emdeni wama-Arki eAtaroti; wehla waya entshonalanga emdeni wamaYafeleli,3 wesa emdeni weBhete-horon yasezantsi, wesa eGezere; ukuma kwawo waya wema ngolwandle.4 Balabelwa ke ilifa labo oonyana bakaYosefu, uManase noEfrayim.

5 Umda woonyana bakaEfrayim wenjenje: umda welifa labo ngasempumalanga wayiAtaroti-adare, wesa eBhete-horon engasentla;6 waphuma umda waya elwandle, eMikemetati ngasentla; wajika umda waya empumalanga eTahanati-shilo, wegqitha khona ngasempumalanga eYanowa;7 wehla eYanowa waya eAtaroti, naseNaharati, weza eYeriko, wema ngeYordan;8 umda wesuka eTapuwa waya entshonalanga, eMlanjaneni weeNgcongolo; nokuma kwawo waya wema ngolwandle. Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaEfrayim ngokwemizalwane yabo;9 nemizi leyo yahlulelwa oonyana bakaEfrayim yayiphakathi kwelifa loonyana bakaManase; yonke imizi yayinemizana yayo.10 Abawagqogqanga amaKanan abemi eGezere. Ema amaKanan phakathi kwamaEfrayim unanamhla, akhonza efakwa uviko.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile