Lectionary Calendar
Friday, May 17th, 2024
the Seventh Week after Easter
Attention!
For 10¢ a day you can enjoy StudyLight.org ads
free while helping to build churches and support pastors in Uganda.
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 1

1 Hayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo labangendawo, Ongemiyo endleleni yaboni, Ongahlaliyo embuthweni yabagxeki!2 Yena unonelela umyalelo kaYehova; Ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku:3 Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi, Onika isiqhamo sawo ngexesha lawo, Ogqabi lawo lingabuniyo; Konke akwenzayo kophumelela.

4 Abanjalo abangendawo; Bona banjengomququ ophetshethwa ngumoya.5 Ngenxa yoko abangendawo abanakuma emgwebeni, Naboni ebandleni lamalungisa.6 Ngokuba uYehova uyayazi indlela yamalungisa; Ke yona indlela yabangendawo iya kudaka.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile