Lectionary Calendar
Thursday, May 16th, 2024
the Seventh Week after Easter
Attention!
Take your personal ministry to the Next Level by helping StudyLight build churches and supporting pastors in Uganda.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 101

1 EkaDavide. Umhobe. Ndiya kuvuma ngenceba nangomgwebo; Ndiya kukubethela uhadi, Yehova.2 Ndiya kuqiqa indlela yengqibelelo; Uya kuza nini na kum? Ndiya kuhamba ngengqibelelo yentliziyo yam Phakathi kwendlu yam.3 Andiyi kubeka phambi kwamehlo am Nto inobutshijolo. Ukwenza ngokunxaxha ndikuthiyile, Akuyi kunamathela kum.4 Intliziyo ejibilizayo iya kukhwelela kude kum; Into embi andiyi kuyazi.5 Omhlebayo ummelwane wakhe ngasese, Lowo ndiya kumbhangisa. Omehlo aqwayingileyo, ontliziyo igungubeleyo, Lowo andinakumthwala.6 Amehlo am akwabanyanisayo ezweni, Ukuba bandiphahle; Ohamba ngendlela yengqibelelo, Lowo makandilungiselele.7 Akayi kuhlala phakathi kwendlu yam Owenza inkohliso; Othetha ubuxoki akayi kuqina Phambi kwamehlo am.8 Imiso ngemiso, ndiya kubabhangisa Bonke abangendawo belizwe, Ukuze ndibanqumle emzini kaYehova Bonke abasebenzi bobutshinga.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile