Lectionary Calendar
Thursday, May 16th, 2024
the Seventh Week after Easter
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 129

1 Ingoma yezinyuko. Kukaninzi bendibandezela kwasebuncinaneni bam, Makatsho uSirayeli;2 Kukaninzi bendibandezela kwasebuncinaneni bam: Ababanga nakundithini noko.3 Abalimi balima emhlana kum, Bayolula indima yabo.4 UYehova ulilungisa, Uzinqumle izintya zabangendawo.

5 Mabadane babuye umva Bonke abayithiyayo iZiyon.6 Mababe njengengca ephuma phezu kwezindlu, Eyomayo ingekahlumi,7 Engekasizalisi nesandla sakhe umvuni, Engekalizalisi nesondo lengubo yakhe umbophi wezithungu;8 Bengekathi nabadlulayo, Intsikelelo kaYehova mayibe kuni; Siyanisikelela egameni likaYehova.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile