Lectionary Calendar
Friday, May 17th, 2024
the Seventh Week after Easter
Attention!
For 10¢ a day you can enjoy StudyLight.org ads
free while helping to build churches and support pastors in Uganda.
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 136

1 Bulelani kuYehova, ngokuba elungile: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.2 Bulelani kuThixo woothixo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.3 Bulelani kuNkosi kankosi: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.4 KuloMenzi wemisebenzi ebalulekileyo emikhulu yedwa: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.5 KuloMenzi wezulu ngengqondo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.6 KuloMtwabululi wehlabathi phezu kwamanzi: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.7 KuloMenzi wezikhanyiso ezikhulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;8 Ilanga lilawule emini: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;9 Inyanga neenkwenkwezi zilawule ebusuku: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

10 Kulowabulala amaYiputa kumazibulo awo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.11 Wawakhupha amaSirayeli phakathi kwawo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.12 Ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.13 KuloMgabuli woLwandle oluBomvu, lwagabuka: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.14 Wawaweza amaSirayeli esazulwini salo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.15 Wamvuthululela uFaro nempi yakhe eLwandle oluBomvu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.16 Kulohambisa abantu bakhe entlango: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.17 Kulowaxabela ookumkani abakhulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.18 Wabulala ookumkani abaziingangamsha: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;19 USihon, ukumkani wama-Amori: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;20 No-Ogi, ukumkani waseBhashan: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.21 Walinikela ilizwe labo laba lilifa: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe,22 Laba lilifa kuSirayeli umkhonzi wakhe: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

23 Owasikhumbulayo ebuphantsini bethu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.24 Wasihlangula kwabasibandezelayo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.25 Ulonika into yonke ephilileyo ukudla: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.26 Bulelani kuThixo wamazulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile