Lectionary Calendar
Thursday, May 16th, 2024
the Seventh Week after Easter
Attention!
Take your personal ministry to the Next Level by helping StudyLight build churches and supporting pastors in Uganda.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 65

1 Kumongameli. Umhobe kaDavide. Ingoma. Ukuthozama kuyindumiso kuwe, Thixo, eZiyon; Sizaliswa kuwe isibhambathiso.2 Wena mphulaphuli wemithandazo, Iza kuwe inyama yonke.3 Zindoyisile nje iindawo zobugwenxa, Ukreqo lwethu uyaluxolela wena ngocamagushelo.4 Hayi, uyolo lomnyulayo, umsondeze Ukuba ahlale ezintendelezweni zakho! Siya kuzihluthisa ngokulunga kwendlu yakho, Kwetempile yakho engcwele.5 Usiphendula ngezenzo ezoyikekayo zobulungisa, Thixo osisindisayo; Nkoloseko yeziphelo zonke zehlabathi, neyolwandle olukude;

6 Ulozinzisa iintaba ngamandla akhe, Ebhinqe ubugorha;7 Ulodambisa ukugquma kweelwandle, ukugquma kwamaza azo, Nokuxokozela kwezizwe.8 Bayayoyika imiqondiso yakho abemi beziphelo zehlabathi. Umemelelisa ukuvela kokusa nokuhlwa.9 Uwuvelele umhlaba, wawunyela, Wawutyebisa kakhulu. Umjelo kaThixo uzele ngamanzi: Walungisa ingqolowa yabo, ngokuba uwenjenje ukuwulungisa.10 Useza ihluthe imisele yawo; Unyakamisa imiqela yawo. Uthambisa ngeziphango; Usikelela izilimo zawo.11 Uwuthwesile umnyaka wokulunga kwakho, Imikhondo yakho itsitsa ukutyeba.12 Ayatsitsa amakriwa entlango, Iinduli zizibhinqise umgcobo.13 Amadlelo anxibe imihlambi yeenkomo; Iintili zambethe ingqolowa. Yonke into iyaduma, yonke into iyavuma.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile