Lectionary Calendar
Saturday, May 18th, 2024
Eve of Pentacost
Attention!
StudyLight.org has pledged to help build churches in Uganda. Help us with that pledge and support pastors in the heart of Africa.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 67

1 Kumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Umhobe. Ingoma. Ngamana uThixo wasibabala, wasisikelela, Wabukhanyisa ubuso bakhe kuthi; (Phakamisani.)2 Ukuze yaziwe ehlabathini indlela yakho, Usindiso lwakho ezintlangeni zonke.3 Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo, Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela;4 Zavuya zamemelela izizwe: Ngokuba uya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye, Uzikhaphe izizwe ehlabathini. (Phakamisani.)5 Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo, Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela.6 Umhlaba uyivelisile indyebo yawo; Uya kusisikelela uThixo, uThixo wethu;7 Uya kusisikelela uThixo, Zimoyike zonke iziphelo zehlabathi.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile