Lectionary Calendar
Thursday, May 16th, 2024
the Seventh Week after Easter
Attention!
For 10¢ a day you can enjoy StudyLight.org ads
free while helping to build churches and support pastors in Uganda.
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 75

1 Kumongameli; ngethi, Ungonakalisi. Umhobe ka-Asafu. Ingoma. Siyabulela kuwe, Thixo, siyabulela; Lisondele igama lakho; Babalisa imisebenzi yakho ebalulekileyo.2 Ngokuba uthi, Ndiya kwenza ngexesha elimisiweyo, Mna ndiya kugweba ngokuthe tye.3 Liyetha amandla ihlabathi, nabemi balo; Ke mna, ndizizinzisile iintsika zalo. (Phakamisani.)4 Ndithi kubaqhayisi, Musani ukuqhayisa; Nakwabangendawo, Musani ukuphakamisa uphondo;5 Musani ukuluphakamisela phezulu uphondo lwenu, Ningathethi ngokusa, nolule intamo.

6 Ngokuba ugwebo aluveli empumalanga nasentshonalanga, Nasentlango yeentaba.7 Hayi, nguThixo ogwebayo; Uyamthoba lo, amphakamise lowa.8 Ngokuba indebe isesandleni sikaYehova, Iphuphuma igwebu lewayini, izele yephithikeziweyo. Uthulula kuyo; ewe, iintlenga zayo Ziya kuselwa zifincwe ngabangendawo bonke behlabathi.9 Ke mna ndiya kushumayela ngonaphakade, Ndiya kuvuma kuThixo kaYakobi;10 Zonke iimpondo zabangendawo ndiya kuzixakaxa, Iimpondo zelungisa ziya kuphakanyiswa.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile