Lectionary Calendar
Thursday, May 16th, 2024
the Seventh Week after Easter
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 111

1 Haleluya! Ndiya kubulela kuYehova ngentliziyo yonke, Elucweyweni lwabathe tye nasebandleni.2 Zikhulu izenzo zikaYehova, Zezokungxokwa iintsingiselo zazo zonke.3 Unendili nobungangamela umsebenzi wakhe, Ubulungisa bakhe bumi ngonaphakade.4 Uyenzele ukuze ikhunjulwe imisebenzi yakhe ebalulekileyo; Unobabalo nemfesane uYehova.5 Ubaphe ukudla abamoyikayo; Uwukhumbule ngonaphakade umnqophiso wakhe.

6 Ubabonise abantu bakhe amandla ezenzo zakhe, Ebanika ilifa leentlanga.7 Izenzo zezandla zakhe ziyinyaniso nesiko; Zithembekile zonke iziyalezo zakhe.8 Zizimasekile nanini nangonaphakade; Zenziwe ngenyaniso, zithe tye.9 Ubathumele abantu bakhe inkululeko; Uwumisele ngonaphakade umnqophiso wakhe; Lingcwele, liyoyikeka, igama lakhe.10 Ingqalo yobulumko kukoyika uYehova, Banengqiqo elungileyo bonke abenza ngako; Indumiso yakhe ihlala imi.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile