Lectionary Calendar
Saturday, May 18th, 2024
Eve of Pentacost
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 112

1 Haleluya! Hayi, uyolo lomntu omoyikayo uYehova, Oyinoneleleyo kunene imithetho yakhe!2 Iya kuba nobugorha ehlabathini imbewu yakhe; Isizukulwana sabathe tye sisikelelwe.3 Bubuncwane nobutyebi endlwini yakhe; Ubulungisa bakhe buhlala bumi.4 Baphunyelwa kukukhanya ebumnyameni abathe tye, Benobabalo, nemfesane, nobulungisa.5 Unoyolo umntu obabalayo, aboleke; Uya kuyimisa intetho yakhe ematyaleni.

6 Ngokuba akayi kushukunyiswa naphakade; Uya kuba lilungisa elikhunjulwa ngonaphakade.7 Akoyikiswa ziindaba ezimbi; Iqinisekile intliziyo yakhe, ikholose ngoYehova.8 Izimasekile intliziyo yakhe, akoyiki; Uya kuda ababonele ababandezeli bakhe.9 Uyahlakaza, upha amahlwempu; Ubulungisa bakhe buhlala bumi, Uphondo lwakhe luphakamile, lunozuko.10 Ongendawo yena uya kukubona, aqumbe, Atshixize amazinyo, anyibilike; Umnqweno wongendawo uyadaka.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile