Lectionary Calendar
Thursday, May 16th, 2024
the Seventh Week after Easter
Attention!
We are taking food to Ukrainians still living near the front lines. You can help by getting your church involved.
Click to donate today!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 125

1 Ingoma yezinyuko. Abo bakholosa ngoYehova banjengentaba yaseZiyon: Ayishukumi, ihleli ngonaphakade.2 IYerusalem ijikelezwe ziintaba; Ke uYehova ubajikelezile naye abantu bakhe, Kususela ngoku kude kuse ephakadeni.3 Ngokuba ayiyi kuhlala intonga yokungendawo elifeni lamalungisa, Ukuze amalungisa angazisi ebugqwetheni izandla zawo.

4 Yehova, yenza okulungileyo kwabalungileyo, Kwabathe tye ezintliziyweni zabo.5 Ke bona abathi gu bucala ngeendlela zabo ezimagoso-goso, UYehova makabemkise, kunye nabasebenzi bobutshinga. Malube luxolo kuSirayeli.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile