Lectionary Calendar
Saturday, May 18th, 2024
Eve of Pentacost
Attention!
We are taking food to Ukrainians still living near the front lines. You can help by getting your church involved.
Click to donate today!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 14

1 Kumongameli. EkaDavide. Sithi isidenge entliziyweni yaso, Akukho Thixo. Bonakalisile, balisikizi ngeentlondi zabo; Akukho wenza okulungileyo.2 UYehova esemazulwini uqondele koonyana babantu, Ukubona ukuba ukho na oqiqayo, Oquqela kuThixo.3 Bonke batyekile, bayimbozisa bephelele; Akukho wenza okulungileyo, Akukho nokuba abe mnye.

4 Abanakwazi na bonke abasebenzi bobutshinga, Abathi, bebadla abantu bam, bathi badla isonka, Bangamnquli uYehova?5 Apho bankwantya benkwantyile; Ngokuba uThixo usesizukulwaneni samalungisa.6 Icebo losizana ningalidanisa, Kodwa uYehova ulihlathi lalo.7 Akwaba bekuvela eZiyon ukusindiswa kwamaSirayeli! Ekubabuyiseni kukaYehova abantu bakhe ekuthinjweni, Wogcoba uYakobi, avuye uSirayeli.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile