Lectionary Calendar
Thursday, May 16th, 2024
the Seventh Week after Easter
Attention!
Partner with StudyLight.org as God uses us to make a difference for those displaced by Russia's war on Ukraine.
Click to donate today!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 32

1 EkaDavide. Eyokuqiqa. Hayi, uyolo lwakhe olukreqo luxolelweyo, osono siselelweyo!2 Hayi, uyolo lomntu angabubaleliyo uYehova kuye ubugwenxa, Ekungekho kukhohlisa emoyeni wakhe!3 Ndithi ndakuthi cwaka, aluphale amathambo am Ngokubhonga kwam imihla yonke.4 Ngokuba imini nobusuku, besinzima phezu kwam isandla sakho, Baguquka ubumanzi bam, baba kukubalela kwasehlotyeni. (Phakamisani.)5 Ndikwazisile isono sam, ubugwenxa bam andabugquma; Ndathi, Ndoluvuma ukreqo lwam kuYehova; Wabuxolela ke wena ubugwenxa besono sam. (Phakamisani.)6 Ngenxa yoko mabathandaze kuwe bonke abenceba ngexesha lokukufumana; Inene, ekukhukuleni kwamanzi amaninzi Akayi kufika kubo.

7 Wena uyindawo yokuzimela kwam; uyandilondoloza embandezelweni, Undingqonge ngomemelelo lokusiza. (Phakamisani.)8 Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele indlela owohamba ngayo: Ndiya kukucebisa, iliso lam likuwe.9 Musani ukuba njengamahashe, njengoondlebende, ukungabi nangqondo; Abazivatho zingumkhala, neentambo zokubabopha umlomo; Bengenazo abasayi kusondela kuwe.10 Mkhulu umvandedwa wongendawo; Ke okholosa ngoYehova, yena uya kumjikela ngenceba.11 Vuyani kuYehova, nigcobe, nina malungisa, Nimemelele, nina nonke bantliziyo zithe tye.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile