Lectionary Calendar
Friday, May 17th, 2024
the Seventh Week after Easter
Attention!
Partner with StudyLight.org as God uses us to make a difference for those displaced by Russia's war on Ukraine.
Click to donate today!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 6

1 Kumongameli wokubethelwa izinto ezineentambo: ngelamadoda ilizwi. Umhobe kaDavide. Yehova, musa ukundohlwaya unomsindo, Ungandithethisi unobushushu.2 Ndibabale, Yehova, ngokuba ndintshwenyile; Ndiphilise, Yehova, ngokuba ekhwankqisiwe amathambo am.3 Umphefumlo wam ukhwankqiswe kakhulu; Ke wena, Yehova, koda kube nini na?4 Buya, Yehova, uwuhlangule umphefumlo wam; Ndisindise ngenxa yenceba yakho.5 Ngokuba ekufeni akusekho kukukhumbula; Kwelabafileyo ngubani na osenokubulela kuwe?6 Ndidiniwe kukugcuma kwam; Ndiludadisa ubusuku bonke ukhuko lwam, Ndiwenza manzi umandlalo wam ngeenyembezi zam.7 Lonakele kukukhathazeka iliso lam; Laluphele ngenxa yababandezeli bam bonke.

8 Sukani kum, nina nonke basebenzi bobutshinga; Ngokuba uYehova ulivile ilizwi lokulila kwam.9 Ukuvile uYehova ukutarhuzisa kwam; UYehova umthandazo wam uyawamkela.10 Ziya kudana, zikhwankqe kakhulu, zonke iintshaba zam; Ziya kubuyiswa zidanile ngephanyazo.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile