Lectionary Calendar
Friday, May 17th, 2024
the Seventh Week after Easter
Attention!
For 10¢ a day you can enjoy StudyLight.org ads
free while helping to build churches and support pastors in Uganda.
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 60

1 Kumongameli; ngeyenyibiba yesingqino. Eliligugu. EkaDavide. Eyokufundisa: ekulweni kwakhe nama-Aram phakathi kweMilambo nama-Aram aseTsobha; wabuya uYowabhi, wawabulala amaEdom emfuleni wetyuwa, amawaka alishumi elinamabini. Thixo, usihlambile, wasichitha, Waqumba; ngamana wasibuyisa.2 Ulinyikimisile ilizwe, ulikrazule; Philisa iintanda zalo ngokuba lishukuma.3 Ubabonisile abantu bakho into elukhuni, Usiseze iwayini ehexisayo.4 Ubanike ibhanile abakoyikayo, Ukuba bayiphakamise ngenxa yenyaniso. (Phakamisani.)5 Ukuze zihlangulwe iintanda zakho, Sindisa ngesandla sakho sokunene, undiphendule.

6 UThixo uthethe engcwele: mandivuyelele, Ndimabe uShekem, ndiyilinganisele intili yaseSukoti.7 Ngowam uGiliyadi, ngowam uManase, UEfrayim sisigcina-ntloko sam, UYuda yintonga yam yommiselo;8 UMowabhi sisitya sam sokuhlambela, Ndiyiphosa kuEdom imbadada yam; Filisti, nkqangaza wena ngam.9 Ngubani na owondisa emzini wamandla? Ngubani na owondikhaphela kwaEdom?10 Asinguwe na, kwawena Thixo, osihlambileyo? Akwaphuma, Thixo, nemikhosi yethu.11 Sincede kumbandezeli wethu; Alunto yanto usindiso lomntu.12 NgoThixo siya kweyisa, Wobagqusha yena ababandezeli bethu.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile