Lectionary Calendar
Friday, May 17th, 2024
the Seventh Week after Easter
Attention!
Partner with StudyLight.org as God uses us to make a difference for those displaced by Russia's war on Ukraine.
Click to donate today!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 61

1 Kumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. EkaDavide. Kuve, Thixo, ukuhlahlamba kwam; Wubazele indlebe umthandazo wam.2 Ndidanduluka kuwe ndisesiphelweni sehlabathi, ekutyhafeni kwentliziyo yam; Ndikhaphele eweni elisemalengalengeni kum.3 Ngokuba ulihlathi lam, Uyinqaba ende eliqele phambi kotshaba.4 Ndiya kuphambukela ententeni yakho ngonaphakade, Ndiya kuzimela ngesithe lamaphiko akho. (Phakamisani.)

5 Ngokuba wena, Thixo, uzivile izibhambathiso zam; Ubanike ilifa abaloyikayo igama lakho.6 Uya kongeza imihla emihleni yokumkani; Iminyaka yakhe iya kuba njengezizukulwana ngezizukulwana;7 Uya kuhlala ngonaphakade phambi koThixo; Mmisele inceba nenyaniso, ukuba zimlondoloze.8 Kukhona ndiya kulibethela uhadi igama lakho ngonaphakade, Ndizizalise izibhambathiso zam imihla ngemihla.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile